|

Ilinge Lokubambisana liphakamisa  ubuthile bawo ngokwenkcubeko yawo AmaBhele KaJamangile

IAfriForum neOfisi KaNkosi Zwelothando Mabandla zabambisana ukuphakamisa ubuthile bawo ngokwenkcubeko yawo AmaBhele KaJamangile. Zayenza le nto ngokuhlomela iziqondisi zasendleleni, ezolwamkelo nezokubonisa indlela kwimimandla yesi sizwe ephakathi kwakuTsolo neNqanqarhu (iMaclear), eMpuma Koloni. Iibhodi zolwamkelo ezibhalwe ngesiXhosa kwathiwa, “Isizwe SamaBhele KaJamangile siyakwamkela,  zahlonyelwa kufutshane nemida yabo ubukumkani obo; kwahlonyelwa neebhodi ezibonisa indlela eya kwikomkhulu likaNkosi Zwelothando, ikomkhuu eliyindawo yosapho lwakomkhulu lwesi sizwe, isizwe esinenkcubeko eyeyaso — lona lulusapho olukhokela esi sizwe.

‘AmaBhele KaJamangile anenkcubeko efana yodwa, kwanamafa enkcubeko yawo afana odwa. Ke, ukulondolozwa nokomelezwa kwezi mpawu nezinto zobuthile bethu, njengoko siluluntu olunenkcubeko yethu, kubaluleke kakhulu kuthi thina Lusapho Lwekomkhulu LikaJamangile KaMabandla. Abantu abanenkcubeko yabo, abazaziyo apho bavela khona, abanelunda ngemvelaphi yabo nangokuthi bangoobani, banako ukuma bangagungqi phezu kwaso esi siseko, bajonge phambili, basebenzele ukuba nakanjani izizukulwana ezizayo zezibe nekamva elihle. Isenza sibe nelunda into yokuba neziqondisi zasendleleni ezibhalwe ngolwimi lwethu lweenkobe, ezamkela abantu bakokwethu, kanti nabahambi, kobu bukumkani bethu, nezo zibonisa apho ukhoyo umzi Wosapho Lwakomkhulu,  olulusapho olukhokelayo phakathi kwaba bantu.’ Kutsho ke iNkosi uZwelothando Mabandla, Yesizwe SamaBhele KaJamangile.

‘IAfriForum isebenzela ukuqinisekisa ukuba Ama-Afrikaners, njengoluntu olunenkcubeko yalo, athi, – ngokuhlalisana ngoxolo namanye amaqela oluntu aneenkcubeko zawo – abe nako ukuphila ngokuphumeleleyo apha kule ncam isezantsi yaseAfrika. Ukuhlalisana ngoxolo yinto enako ukwenzeka xa amaqela oluntu aneenkcubeko zawo esenza izinto ngendlela evumana-ubukho nehloniphanayo. Xa abantu bezibona benexabiso bona nenkcubeko yabo futhi bezihloniphile, loo nto iba sisiseko sokuba bakwazi ukuhlonipha amanye amaqela oluntu. Ngoko ke thina sinenyhweba yokuba senze amalinge anjengala, aphakamisa ukuzazi nokwaziwa ngokweenkcubeko zethu, sibambisene neNkosi uZwelothando.’  Utsho uNantes Kelder, onguMququzeleli KwiProjekthi Yesizwe Yodlelwano Nentsebenziswano Ngokweenkcubeko KwiAfriforum (iNational Project Coordinator of Intercultural Relations and Cooperation at AfriForum).

Eli linge lokubambisana liphuma kwimvumelwano yokuvumana-ubukho nentsebenziswano  ephakathi kweAfriForum neOfisi KaNkosi Zwelothando eyatyikitywa ngenyanga Yokwindla (uMatshi) ngo-2022. Le mvumelwano inezi njongo, phakathi kwezinye, ukuphakamisa ubambiswano ukuze kulondolozwe, futhi kuphakanyiswe ubuthile ngokweenkcubeko kwanamafa angaweenkcubeko zethu.

Similar Posts